1 Akuba uDavide ezinzile kwikomkhulu lakhe wathetha *nomshumayeli uNatan, wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ihlala nje ententeni.”
2 UNatan wathi kuDavide: “Nantoni na oyicingayo ungayenza, uThixo unawe.”
3 Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaThixo lisithi:
4 “Hamba uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Asinguwe umntu oza kundakhela indlu endiya kuhlala kuyo.
5 Ukususela mhla ndamkhupha eJiputa uSirayeli kude kube namhla andizange ndihlale endlwini. Ndasoloko nditshintsha izikhundla, ndithi ndikule indawo yokumisa intente, ndibe ndikuleya.
6 Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’
7 “Ke ngoko, yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni, ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.