11 Yakuphela imihla yakho, xa sowuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe.
12 Nguye ke oya kundakhela indlu, ndiluzinzise ulawulo lwakhe ngonaphakade.
13 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam. Uthando lwam kuye alusoze lutshitshe, njengoko lwenzayo kumfo owangena esikhundleni sakhe wena.
14 Ndiya kummisela endlwini yam, alawule kude kube ngunaphakade. Ewe, ulawulo lwakhe lohlala ngonaphakade.’ ”
15 Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.
16 Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Ndikhoyo Thixo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?
17 Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Thixo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam, ude wandiphatha ngathi ndingumntu onewonga.