18 “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Ndikhoyo, wena osiwonga kangaka isicaka sakho? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho!
19 Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.
20 “Akakho onjengawe, Ndikhoyo, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.
21 Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze uzenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.
22 Waza ke amaSirayeli wawenza abantu bakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.
23 “Ngoku ke, Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso masibe njalo ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho,
24 ukuze sona sizinze, negama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo uSomandla, uThixo kaSirayeli, nguye uThixo wakhe.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.