8 Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neKun, uDavide wathimba intaphane yobhedu olwasetyenziswa nguSolomon xa wayesenza ichibi lobhedu, iintsika, kwanezinye izinto ezazenziwe ngobhedu.
9 Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyu iindaba zokoyiswa nguDavide komkhosi wokumkani waseZobha uHadadizere.
10 Wandulula unyana wakhe uHadoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyu. UHadoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.
11 Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.
12 Ke uAbhishayi unyana kaZeruya wabulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa.
13 Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
14 Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.