11 Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, aza ahlelwa loo madoda ajongana nama-Amon.
12 UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.
13 Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zoThixo wethu. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”
14 UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.
15 Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wajika waya eJerusalem nomkhosi wakhe.
16 Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli ama-Aram, athumela amema ama-Aram aphesheya komlambo iEfrati; aza afika ekhokelwa nguShofaki injengele yomkhosi kaHadadizere.
17 Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza.