16 Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli ama-Aram, athumela amema ama-Aram aphesheya komlambo iEfrati; aza afika ekhokelwa nguShofaki injengele yomkhosi kaHadadizere.
17 Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza.
18 Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala isixhenxe samawaka amajoni eenqwelo, kunye namashumi amane amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Kananjalo wayibulala nenjengele yomkhosi wawo uShofaki.
19 Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zenza uxolo noDavide, zaba phantsi kwakhe.Ukususela oko ama-Aram akaphindanga avume ukuwanceda emfazweni ama-Amon.