1 Naba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uZebhulon,
2 uDan, uJosefu, uBhenjamin, uNafetali, uGadi, noAshere.
3 Oonyana bakaJuda nguEre, no-Onan, noShela, oonyana abathathu abazelwe ngumKananakazi uBhashuwa. Ke uEre, amazibulo kaJuda, zange amkholise *uNdikhoyo, waza wambulala.
4 UTamare, umolokazana kaJuda, wamzalela uPerezi noZera. Bebonke ke oonyana bakhe babebahlanu.
5 Oonyana bakaPerezi nguHezeron noHamuli.
6 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHeman, noKalkoli, noDara. Bebonke babebahlanu.
7 Unyana kaKarmi nguAkana, lowo wawahlisela inkathazo amaSirayeli, wenza ubuqhophololo ngokuwathathela kuye amaxhoba awayefanele ukutshatyalaliswa.