17 UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.
18 Unyana kaHezeron uKalebhi wazalelwa intombi enguJerihoti ngumkakhe uAzubha, waza wazala oonyana abanguYeshere, noShobhabhi, noArdon.
19 Akusweleka uAzubha uKalebhi wathatha uEfrati owazala uYuri.
20 UYuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhezaleli.
21 Emva koko, xa uHezeron wayeminyaka imashumi mathandathu, wathatha intombi kaMakire uyise kaGiliyadi, eyamzalela uSegubhi.
22 USegubhi wazala uJayire owayenemizi engamashumi amabini anantathu ezweni laseGiliyadi.
23 Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.