47 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noJotam, noGeshan, noPelete, noHefa, noShahafe.)
48 UKalebhi wayenelinye iqadi elinguMahaka elazala uShebhere noTirana.
49 Liphinde lazala uShahafe, ukhokho weMademana, noSheva, ukhokho weMakebhena neGibheya. Intombi kaKalebhi nguAkesa.
50 Naba balandelayo bakwayinzala kaKalebhi:Oonyana bakaYuri, amazibulo kaEfrata, nguShobhali ukhokho weKiriyati-yarim.
51 Ubuye wazala uSalma ukhokho weBhetelehem, waza wazala noHarete ukhokho weBhete-gadere.
52 Inzala kaShobhali, ukhokho weKiriyati-yarim, ngabantu baseHarowe necandelo labantu baseManati,
53 kwakunye nezindlu zaseKiriyati-yarim ezingamaItri, amaPuti, amaShumati, namaMisherayi. Aphuma apha amaZorati namaEshtawoli.