6 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHeman, noKalkoli, noDara. Bebonke babebahlanu.
7 Unyana kaKarmi nguAkana, lowo wawahlisela inkathazo amaSirayeli, wenza ubuqhophololo ngokuwathathela kuye amaxhoba awayefanele ukutshatyalaliswa.
8 Unyana kaEtan nguAzariya.
9 Oonyana bakaHezeron nguJerameli, noRam, noKelubhayi.
10 URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda.
11 UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi,
12 uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.