1 Ke kaloku uSathana wavukela uSirayeli ngokuxhokonxa uDavide ukuze awabale amaSirayeli.
2 UDavide wathetha noJowabhi nabanye abaphathi bomkhosi, wathi kubo: “Yiyani kubala amaSirayeli, niqale eBheshebha, nime kwaDan. Nakugqiba ke nize nindinike ingxelo, ukuze ndilazi inani lawo.”
3 Ke yena uJowabhi wathi: “Ngamana *uNdikhoyo wabandisa kalikhulu abantu bakhe. Mhlekazi kumkani, asingobakho bonke na aba bantu? Ngani ke, mhlekazi, ukuba ufune ukwenza into enje? Ngani ukuba umhlekazi azisele uSirayeli ityala?”
4 Kambe ke ilizwi likakumkani lamoyisa uJowabhi, waza wemka uJowabhi wamtyhutyha wonke uSirayeli, kamva ke wabuyela eJerusalem.