20 Uthe esabhula ingqolowa uAravena waguquka, wabona isithunywa sikaThixo, baza oonyana bakhe abane ababekunye naye bazimela.
21 Wathi akuvela uDavide, uAravena wambona, waza wemka apho esandeni sokubhula, wamhlangabeza, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi koDavide.
22 UDavide wathi kuye: “Ndinike lo mhlaba sikuwo esi sanda sokubhula, ukuze ndakhele uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini. Ndithengisele wona ngexabiso lawo.”
23 Wathi uAravena kuDavide: “Kulungile, ungawufumana. Inkosi yam ukumkani mayenze ngokubona kwayo; mna ke ndiza kunikela ngeenkabi zeenkomo zokwenza amadini atshiswayo, izileyi zokubhula zoba ziinkuni. Ndonikela nangengqolowa yokwenza umnikelo weenkozo; zonke ezo zinto ndozikhupha.”
24 Kambe ke ukumkani uDavide uphendule uAravena wathi: “Ngunotshe lowo! Ndiza kulihlawula lonke ixabiso lazo. UNdikhoyo andinakumnika izinto zakho, ndingayi kwenza mnikelo nadini litshiswayo ngento endingadlekanga ngayo.”
25 Ngoko ke uDavide wahlawula uAravena amakhulu amathandathu eegolide ngeso sanda sokubhula.
26 UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wanqula uNdikhoyo, waza ke yena waphendula ngokuthobela umlilo ezulwini kwelo qonga lamadini.