26 UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wanqula uNdikhoyo, waza ke yena waphendula ngokuthobela umlilo ezulwini kwelo qonga lamadini.
27 UNdikhoyo ke wathetha naso isithunywa eso, saza salifaka esingxotyeni salo ikrele laso.
28 Ngelo xesha ke uDavide akuqonda ukuba uNdikhoyo umphendule apho kweso sanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi, wasuka wanikela amadini apho kuso.
29 Ngelo xesha ke isibingelelo sikaNdikhoyo esasenziwe nguMosis entlango kunye neqonga lamadini atshiswayo sasisendaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon.
30 Kambe ke uDavide akayanga kubuzisa khona kuThixo, kuba kaloku wayesoyika ikrele lesithunywa sikaNdikhoyo.