4 Kambe ke ilizwi likakumkani lamoyisa uJowabhi, waza wemka uJowabhi wamtyhutyha wonke uSirayeli, kamva ke wabuyela eJerusalem.
5 Inani lamadoda omkhosi walixela kuDavide. KuSirayeli ephela yayisisigidi esinekhulu lamawaka, amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwakunye namakhulu amane anamashumi asixhenxe amawaka kwelakwaJuda.
6 Kambe ke uJowabhi akambalanga uLevi noBhenjamin, kuba kaloku umyalelo kakumkani wawulumeza kuye.
7 Ewe, lo myalelo wawumbi nakuThixo, ngoko ke wasuka wawohlwaya amaSirayeli.
8 UDavide wathi kuThixo: “Ewe, ndenze into embi gqitha ngesi senzo. Ngoko ke ndiyakubongoza bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”
9 UNdikhoyo wathetha nomshumayeli kaDavide uGadi, wathi:
10 “Yiya kuDavide, uthi: ‘Nanga amazwi kaNdikhoyo,’ uthi ndithi makakhethe kwizinto ezintathu, ukuze ndikwazi ukuthatha amanyathelo.”