6 Kambe ke uJowabhi akambalanga uLevi noBhenjamin, kuba kaloku umyalelo kakumkani wawulumeza kuye.
7 Ewe, lo myalelo wawumbi nakuThixo, ngoko ke wasuka wawohlwaya amaSirayeli.
8 UDavide wathi kuThixo: “Ewe, ndenze into embi gqitha ngesi senzo. Ngoko ke ndiyakubongoza bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”
9 UNdikhoyo wathetha nomshumayeli kaDavide uGadi, wathi:
10 “Yiya kuDavide, uthi: ‘Nanga amazwi kaNdikhoyo,’ uthi ndithi makakhethe kwizinto ezintathu, ukuze ndikwazi ukuthatha amanyathelo.”
11 UGadi waya ke kuDavide, wafika wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi khetha into amakakwenze yona:
12 iminyaka emithathu yembalela, okanye iinyanga ezintathu zinivuthulula ziniwisa ngamakrele azo iintshaba zenu, kungenjalo ke ibe ziintsuku ezintathu uNdikhoyo ethumele isithunywa sakhe ukuze sifake ubhubhani kuwo wonke umhlaba wakwaSirayeli. Cingisisa undinike impendulo emandiyise kulowo undithumileyo.”