1 Ke kaloku uDavide wathi: “Iza kwakhiwa apha indlu *kaNdikhoyo uThixo kunye neqonga lamadini atshiswayo awenzelwa uSirayeli.”
2 Ngoko ke uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe bonke abasemzini abemi apho kwaSirayeli, waza ke apho kubo wakhetha abangabaqingqi bamatye, ukuze bakrole amatye okwakha indlu kaThixo.
3 Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.
4 Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire.
5 UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6 UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu.
7 Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam.