10-11 Oonyana bakaShimeyi bane: nguYahati owamazibulo, kulandele uZina, ibe nguJewushe noBheriya. Ke uJewushe noBheriya babengenanyana baninzi, yaza inzala yabo yabalelwa ekubeni yindlu enye.
12 Oonyana bakaKohati bane: nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.
13 Oonyana baka-Amram nguAron noMosis. UAron nenzala yakhe bachongwa ukuba bagcine izinto ezingcwele zonqulo, bamkhonze uNdikhoyo, bemenzela iziqhumiso, besikelela abantu egameni lakhe kude kube ngunaphakade.
14 Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.
15 Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere.
16 Inkulu yoonyana bakaGershom nguShebhuweli.
17 Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.