14 Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.
15 Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere.
16 Inkulu yoonyana bakaGershom nguShebhuweli.
17 Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.
18 Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti.
19 Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam.
20 Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.