1 Oonyana baka-Aron babahlulwa-hlulwe kanje: Naba oonyana baka-Aron: uNadabhi, uAbhihu, uEliyazare, noItamare.
2 Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare.
3 UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo.
4 Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.
5 Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.