2 UMeshelemiya wayenoonyana abasixhenxe: yayinguZekariya owamazibulo, ibe nguYediyali, uZebhadiya, uYateniyeli,
3 uElam, uYohanan, noEliyehunayi.
4-5 Bekukho no-Obhedi-edom owathamsanqelwa nguThixo waba noonyana abasibhozo. YayinguShemaya owamazibulo, ibe nguYozabhadi, uYowa, uSakare, uNataniyeli, uAmiyeli, uIsakare, noPewuletayi.
6 Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.
7 Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.
8 Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.
9 Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.