29 Kwinzala kaIzare uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi ongenguwo owendlu kaThixo. Lo msebenzi wawukukugcina ucwangco nokuthetha amatyala akwaSirayeli.
30 Kwinzala kaHebron uHashabhiya nezizalwane zakhe babesenza umsebenzi kaNdikhoyo nowekomkhulu kumaSirayeli angasentshonalanga kweJordan. La maHebron ayeliwaka elinamakhulu asixhenxe, engamakroti.
31 Inkulu yamaHebron yayinguJeriya. Ngonyaka wamashumi amane elawula uDavide yaphandwa inzala kaHebron, kwafunyanwa amaHebron angamagorha eYozere kummandla waseGiliyadi.
32 UJeriya wayenezizalwana ezingamawaka amabini anamakhulu asisixhenxe. La madoda ayengooyise bezindlu, engamakroti, waza ukumkani uDavide wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, khon' ukuze benze umsebenzi kaThixo nowekomkhulu.