1 Nguwo lo umkhosi wamaSirayeli: Bekukho amabutho alishumi elinambini, ibutho ngalinye liba namadoda angamashumi amabini anane amawaka. Amabutho la ayebolekisana ukwenza umsebenzi wakomkhulu inyanga nganye enyakeni. Bekukho iinkulu zezindlu, neengqwayi-ngqwayi, nezithwala-ndwe, noonobhala, bebonke besenza umsebenzi wakomkhulu.
2-3 Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;
4 inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;
5 inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada
6 owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;