5 inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada
6 owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;
7 inyanga yesine: nguAsayeli umninawa kaJowabhi, owalandelwa ngunyana wakhe uZebhadiya;
8 inyanga yesihlanu: nguShamuti umIzare;
9 inyanga yesithandathu: nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;
10 inyanga yesixhenxe: nguHeleze umEfrayim wasePelon;
11 inyanga yesibhozo: nguSibhekayi umZera waseHusha;