2 Ukumkani uDavide waphakama, waza wathi: “Khanindiphulaphule, mawethu, nani bantu bam. Ndandizimisele ukwakha indlu ukuze ibe yindawo ephumla kuyo ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, esisihlalo seenyawo zoThixo wethu. Ndiwenzile ke amalungiselelo,
3 kodwa uThixo uthe kum: ‘Asinguwe oza kwakhela igama lam indlu. Kaloku wena ulijoni, ibe ke uliphalazile igazi.’
4 “Kambe ke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli unyule mna kwindlu kabawo, ukuze ndilawule ngonaphakade kwaSirayeli. Wanyula uJuda ukuba abe yinkokheli, waza ke kwindlu kaJuda wanyula umzi kabawo; koonyana bakabawo ke wabona kufanelekile ukuba andenze ukumkani kwaSirayeli.
5 Kubo bonke oonyana bam – ibe ke uNdikhoyo undiphe babaninzi – unyule unyana wam uSolomon ukuba ahlale esihlalweni sombuso kaNdikhoyo phezu koSirayeli.
6 UNdikhoyo uthethe nam wathi: ‘Ngunyana wakho uSolomon oya kundakhela indlu kunye neenkundla zam, kuba ndinyule yena ukuba abe ngunyana wam, mna ke ndibe nguyise.
7 Umbuso wakhe ndiya kuwuzinzisa ume ngonaphakade, ukuba ngaba yena uthe akagungqa ekuyithobeleni ayenze imiqathango nemithetho yam, njengoko kusenziwa ngoku.’
8 “Ngoko ke ngoku ndiyakuyala apha phambi koSirayeli ephela nalo eli bandla likaNdikhoyo; ewe, ndithetha phambi koThixo wethu: Imiqathango kaNdikhoyo uThixo wakho yithobele ngenyameko, khon' ukuze nime kweli lizwe lihle kunene, nilidlulisele nakwizizukulwana ngezizukulwana, ukuze libe lilifa lazo ngonaphakade.