9 “Ke wena, nyana wam Solomon, uze uhambisane noThixo kayihlo, umkhonze ngokuzimisela ngomxhelo wakho uphela nangengqondo evumayo, kuba kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, yaye ke uyaziqonda iinjongo zeengcinga zomntu. Ukuba uyamlangazelela uza kumfumana; kambe ke xa uthe wamlahla uya kukubukula kude kube ngunaphakade.
10 Ngoku ke zikisa ukucinga, kuba kaloku uNdikhoyo ukunyulele ukuba umakhele indlu engcwele. Ngoko ke yomelela uwenze lo msebenzi.”
11 Ke uDavide uyinikele kunyana wakhe uSolomon yonke iplani yesakhiwo eso, ivaranda namanye amagumbi endlu kaThixo, kunye noovimba bayo, ukuma kwayo phezulu, namagumbi angaphakathi, kananjalo nendawo yokucamagushela izono.
12 Wamnika iplani yako konke awayekuthweswe nguMoya mayela neenkundla zendlu kaNdikhoyo namagumbi ayiphahlileyo, oovimba bendlu kaThixo kunye noovimba bezinto ezinikezelwe kuThixo.
13 Wamyala ngezigaba zababingeleli nabaLevi nangawo wonke umsebenzi wokulungiselela endlwini kaNdikhoyo, nangokuphathelele kwizinto ezisetyenziswayo apho ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo.
14 Wabumisa nobunzima begolide eya kusetyenziswa kuyo nayiphi na into eyenziwa ngayo, ngokunjalo nobunzima besiliva kuzo zonke izinto ezaziza kwenziwa ngayo.
15 Ubunzima begolide yeziphatho-zibane, neyezibane, ubunzima begolide yesiphatho-sibane ngasinye nezibane zaso, nobunzima besiliva kuso ngasinye isiphatho sibane esenziwe ngesiliva kunye nezibane zaso, ngokomsebenzi wesiphatho-sibane eso;