25 UNdikhoyo ke amaSirayeli onke wawenza amhlonela uSolomon, abuthobela phezu kwakhe bonke ubunewu-newu bomntwan' egazi ngendlela apha engazange yenziwe kuye nawuphi na ukumkani kwabakwaSirayeli ngaphambi kwakhe.
26 Ke kaloku uDavide unyana kaJese wayengukumkani kaSirayeli jikelele.
27 USirayeli wamlawula iminyaka engamashumi amane: yaba sixhenxe eHebron, yaza yangamashumi amathathu anantathu eJerusalem.
28 Wasweleka seleyindoda enkulu, ekhulile, ebuxhamle ubomi obude, ubutyebi, nesidima. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uSolomon wangukumkani.
29 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukakumkani uDavide ukusuka ekuqaleni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali *zomshumayeli uSamweli, kwiimbali zomshumayeli uNatan, nakwiimbali zomshumayeli uGadi.
30 Zikwalapho ke neenkcukacha zolawulo lwakhe nobungangamsha bakhe, kanti nabo bonke ubucukubhede beemeko ezinxulumene naye siqu, ngokunjalo noSirayeli, nezikumkani zawo onke amanye amazwe.