1 Naba oonyana abathandathu bakaDavide abazalelwa eHebron ngokuzana kwabo: uAmnon onina inguAhinowam waseYizereli; uDaniyeli onina inguAbhigeli waseKarmele;
2 uAbhasalom ozalwa nguMahaka, intombi kaTalmayi ukumkani waseGeshuri; uAdoniya ozalwa nguHagiti;
3 uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla.
4 Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem
5 apho wazala oonyana abaninzi khona. Umkakhe uBhashebha intombi ka-Amiyeli wazala uShimeya, noShobhabhi, noNatan, noSolomon.