6 Abanye nguIbhare, uElishuwa, uElifelete,
7 uNoga, uNifege, uYafiya,
8 uElishama, uEliyada, noElifelete, belithoba bebonke.
9 Aba ke ngoonyana bakaDavide, ngaphandle kwabo bamaqadi. Udade wabo nguTamare.
10 Unyana kaSolomon nguRewobhowam; unyana kaRewobhowam nguAbhiya; unyana ka-Abhiya nguAsa; unyana ka-Asa nguYoshafati;
11 unyana kaYoshafati nguYoram; unyana kaYoram nguAhaziya; unyana ka-Ahaziya nguYowashe;
12 unyana kaYowashe nguAmaziya; unyana ka-Amaziya nguAzariya; unyana ka-Azariya nguYotam;