22 noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.
23 Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.
24 Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.
25 UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.
26 Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.
27 UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda.
28 Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali,