35 noYoweli; noYehu, unyana kaYoshibhiya kaSeraya ka-Asiyeli;
36 noEliyohenayi; noYakobha; noYeshohaya; noAsaya; noAdiyeli; noJesimiyeli; noBhenaya;
37 noZiza, unyana kaShifi ka-Alon kaYedaya kaShimri kaShemaya.
38 Ke izindlu zabo zanaba kunene,
39 bada baya ngasemacaleni eGedore, beyifunela amadlelo impahla yabo empumalanga entilini yalapho.
40 Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho.
41 Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.