15 UAhi, unyana ka-Abhediyeli kaGuni, wayeyintloko yezi zindlu.
16 AmaGadi la ayemi eGiliyadi naseBhashan nasezilalini zalapho nasemadlelweni aseSharon onke.
17 Bonke aba babalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaJuda nangemihla kaJerobhowam ukumkani wakwaSirayeli.
18 AmaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase ayenamadoda angamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamashumi amathandathu, akufaneleyo ukuphuma umkhosi. La madoda ayengamakroti aqeqeshelwe umkhosi, ekuqhelile ukusebenzisa ikhaka nekrele nokudubula ngeentolo.
19 Lo mkhosi waya emfazweni walwa nezizwe zamaHagri ezingamaJeture, namaNafishi, namaNodabhi.
20 Umkhosi lo wawukholose ngoThixo, waza wathandazela ukuncedwa nguye ekulweni. Wawuva ke uThixo umthandazo wawo, wawuncedisa emfazweni, oyiswa amaHagri nabo bonke ababekunye nawo.
21 Yathinjwa ke impahla yamaHagri: iinkamela ezingamawaka amashumi mahlanu, iigusha ezimawaka amakhulu mabini anamashumi mahlanu, needonki ezingamawaka amabini. Ngaphezu koko bathimba nabantu abalikhulu lamawaka.