47 kaMali, kaMushi, kaMerari, kaLevi.
48 Amawabo abaLevi ayephathiswe wonke umsebenzi ongomnye esibingelelweni nasendlwini kaThixo.
49 UAron noonyana bakhe babenyusa amadini eqongeni lamadini atshiswayo, beqhumisela eqongeni leziqhumiso, besenza wonke umsebenzi weyona ndawo ingcwele endlwini kaThixo. Bebengxengxeza egameni lamaSirayeli ngokwemiyalelo yonke kaMosis isicaka sikaThixo.
50 Naba oonyana baka-Aron: uAron wazala uElazare, uElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa,
51 uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, u-Uzi wazala uZeraya,
52 uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,
53 uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.