11 Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.
12 AmaShupim namaHupim yinzala kaIre, ke wona amaHushim yinzala ka-Ahere.
13 UNafetali, unyana kaYakobi nomkakhe uBhiliha, wazala uGuni, noYezere, noShalum.
14 UManase wayeneqadi elingumAramikazi elazala uAseriyeli noMakire uyise kaGiliyadi.
15 UMakire lo wathatha uMahaka udade boHupim noShupim. Omnye wenzala kaMakire nguZelofehadi owazala amantombazana kuphela.
16 Umka-Makire uMahaka wazala unyana awamthiya igama elinguPereshe. Umninawa wakhe nguShereshe, owazala u-Ulam noRakem.
17 U-Ulam lo wazala uBhedan. Yiyo leyo ke inzala kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.