18 Udade boGiliyadi uHamolekete wazala uIshodi, noAbhiyezere, noMala.
19 Oonyana bakaShemida nguAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.
20 Nantsi inzala kaEfrayim. UEfrayim wazala uShutela, uShutela wazala uBheredi, uBheredi wazala uTahati, uTahati wazala uEliyada, uEliyada wazala uTahati,
21 uTahati wazala uZabhadi, uZabhadi wazala uShutela.Abanye oonyana bakaEfrayim, uEzere noEladi, babulawa xa babefuna ukuthimba imfuyo yabantu baseGati.
22 UEfrayim wabazilela ixesha elide oonyana bakhe abaswelekileyo, baza abazalana naye bafika bamkhuza.
23 Emva koko umkakhe wamitha, wazala unyana, waza uEfrayim wamthiya igama elinguBheriya, kuba indlu yakhe ibihlelwe lilishwa.
24 UEfrayim wazala nentombi enguShera. UShera lo wayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, wayakha neUzen-shera.