26-27 Oonyana bakaJeroham nguShamsherayi, noShehariya, noAtaliya, noYareshiya, noEliya, noZikri.
28 Zizo ezo ke iinkulu zezindlu ezazihlala eJerusalem.
29 Ukhokho weGibheyon wayehlala khona eGibheyon. Igama lomkakhe nguMahaka.
30 Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNadabhi,
31 uGedore, uAhiyo, uZekere,
32 noMikeloti owazala uShimeya. Nabo nenzala yabo babehlala eJerusalem ngakwamanye amaBhenjamin.
33 UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhali.