31 uGedore, uAhiyo, uZekere,
32 noMikeloti owazala uShimeya. Nabo nenzala yabo babehlala eJerusalem ngakwamanye amaBhenjamin.
33 UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhali.
34 UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.
35 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.
36 UAhazi wazala uYowada, uYowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza,
37 uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRafa, uRafa wazala uElasa, uElasa wazala uAzele.