16 uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.
17 Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum.
18 Unangoku basagada isango elingasempumalanga, elo adla ngokungena ngalo ukumkani. Mandulo babegada amasango eekampu zabaLevi.
19 UShalum unyana kaKore, unyana ka-Abhiyasafu, unyana kaKora, kunye namawabo amaKora, wayephathiswe umsebenzi wokugada amasango endlu kaThixo kanye njengoko ookhokho babo babegada isango lentente esisibingelelo *sikaNdikhoyo.
20 Mandulo uFineyasi, unyana kaElazare, wayebongamele abagcini-masango, yaye uNdikhoyo wayenaye.
21 UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.
22 Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo.