21 UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.
22 Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo.
23 Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo.
24 Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi.
25 Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe.
26 Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo.
27 Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.