24 Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi.
25 Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe.
26 Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo.
27 Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.
28 Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.
29 Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo.
30 Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.