5 Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe.
6 Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.
7 Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa;
8 uIbheneya kaJeroham; uEla kaUzi kaMikri; noMeshulam kaShefatiya kaRuweli kaIbheniya.
9 La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.
10 Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin,
11 uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo,