13 Indoda inelungelo lokusixhasa okanye isichithe isithembiso nokuba sisifungo esenziwe ngumfazi wayo.
14 Ukuba ke indoda leyo ithe yakuva ngeso sifungo yathatha ithuba ingathethi nto, yoba iyasixhasa eso sithembiso okanye isifungo azibophe ngaso umfazi wayo; ewe, yoba isixhasile xa ingathethanga nto yakuba ivile ngaso.
15 Phofu ke ukuba ithule yathula yajika ngengomso yasitshitshisa eso sifungo, ityala lokungafezekiswa kwaso loba semagxeni ayo.”
16 Nantso ke imimiselo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo mayela nendoda nomfazi wayo, ngokunjalo mayela nentombi ekowayo.