1 *UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.
2 “Ndiza kukunika inzala eninzi,eya kuba sisizwe esikhulu;ndikunike amathamsanqa,libe nodumo igama lakho,ube lithamsanqa nakwabanye.
3 Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa,ndibaqalekise abo bakuqalekisayo.Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”
4 Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.
5 UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana.Bakufika eKanana,
6 uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana.
7 UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.