6 uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana.
7 UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.
8 Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo.
9 Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.
10 Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana.
11 Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha,
12 yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena.