10 Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.
11 ULothe wayithatha yonke loo ntili yeJordan, wenjenjeya ukubheka ngasempumalanga. Aba ayahlukana njalo loo madoda mabini.
12 Wasala kwilizwe laseKanana uAbram, uLothe yena wagxumeka iintente kuloo ntili iphakathi kwezo zixeko zingaseSodom.
13 Abantu baseSodom babegwenxa, bemona gqitha uNdikhoyo.
14 Akuba emkile uLothe, *uNdikhoyo wathi kuAbram: “Bheka-bheka ukhangele kakuhle macal' onke ukuloo ndawo umi kuyo.
15 Wonke loo mhlaba uwubonayo ndiza kuwunika wena kunye nenzala yakho. Niya kuwuma ngalo lonke ixesha.
16 Ndiza kukunika inzala eninzi, ibe yinyambalala engaphezu kwentlabathi, engenakubalwa mntu.