5 ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe.
6 Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela.
7 Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.
8 UAbram wathi kuLothe: “Siyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi.
9 Kungcono sahlukane; umhlaba uphangalele. Zikhethele nayiphi na indawo, uye kwelo cala, mna ndiye kwelinye.”
10 Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.
11 ULothe wayithatha yonke loo ntili yeJordan, wenjenjeya ukubheka ngasempumalanga. Aba ayahlukana njalo loo madoda mabini.