4 UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.
5 USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”
6 Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.
7 Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure.
8 Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”
9 Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.”
10 Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”