23 Uthe uAbraham kuNdikhoyo: “Ngaba ngenene, *Mhlekazi, uza kutshabalalisa amalungisa ndawonye nezibhoja?
24 Ukuba kukho amashumi amahlanu amalungisa, ngaba ungasibhangisa eso sixeko? Akungesisindisi ngenxa yamashumi amahlanu lawo?
25 Hayi kaloku, akunakuyenza into enjalo ukutshabalalisa abangenatyala ndawonye nabagwenxa, ube njalo wohlwaya amalungisa ngesohlwayo esinye naboni. Ngunongekhe lowo. UMgwebi welizwe liphela akamele kugweba ngobulungisa na?”
26 Uthe uNdikhoyo: “Ukuba kungakho amashumi amahlanu abantu abamsulwa eSodom, ndingasisindisa eso sixeko sonke ngenxa yabo.”
27 Uthe kwakhona uAbraham: “Ndinyamezele, Mhlekazi, ndiyintw' engento, andifanele nakuthetha oku nawe.
28 Ukuba ngaba kukho amashumi amane anantlanu endaweni yamashumi amahlanu, ungátshabalalisa isixeko sonke ngenxa yokuba bengaphantsi nje ngesihlanu abantu abamsulwa?”Uthe uNdikhoyo: “Nokuba ngamashumi mane anantlanu abantu abamsulwa, ndosisindisa isixeko.”
29 Ubuye wathi uAbraham: “Ukuba ngamashumi mane nje kuphela?”Uthe uNdikhoyo: “Sosinda nokuba kunjalo.”