3 Kodwa uThixo wavela kuAbhimeleki ephupheni, wathi: “Abhimeleki, usisisulu sokufa, ngenxa yokuba lo mfazi umthathileyo ngumka-mtu.”
4 UAbhimeleki ke wayengekamambathi uSara, waza wathi: “Mhlekazi, ungathini ukutshabalalisa isizwe esingenatyala?
5 Andibi kanene yilaa ndoda ngokwayo ethe kum ngudade wayo lo, waza naye wathi ingumnakwabo? Le nto ndiyenze ndingenasazela, yaye andonanga bani.”
6 Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.
7 Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”
8 Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.
9 UAbhimeleki ubize uAbraham, wathi kuye: “Yintoni le nto usenza yona? Ndakwenza ntoni le nto undizisela ishwangusha elingaka kunye nabantu bam? Wenze into engenziwayo ke kambe.