5 Andibi kanene yilaa ndoda ngokwayo ethe kum ngudade wayo lo, waza naye wathi ingumnakwabo? Le nto ndiyenze ndingenasazela, yaye andonanga bani.”
6 Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.
7 Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”
8 Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.
9 UAbhimeleki ubize uAbraham, wathi kuye: “Yintoni le nto usenza yona? Ndakwenza ntoni le nto undizisela ishwangusha elingaka kunye nabantu bam? Wenze into engenziwayo ke kambe.
10 Bekutheni ukuze wenze into enje?”
11 Uthe uAbraham: “Ndibe akukho mntu umoyikayo kweli lizwe uThixo, ndaba ke ndingábulawa apha ngenxa yomkam.