5 Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”
6 UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.
7 Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!”UAbraham wathi: “Thetha, nyana!”UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”
8-9 Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.”Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni.
10 Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe.
11 Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”Yena ke uthe: “Ndim lo!”Sathi isithunywa kuye:
12 “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”